Ingoma ivakalisa uvuyo, usizi, ithemba neminqweno yomntu lowo uyivumayo.
Iingoma zivunywa luluNtu okanye zivunywe ngokwamaqela ngokobudala babo maqela. Ezi ngoma ziqanjwa ngkuphathelele kwizinto ezichaphazela uluntu-izinto ezifana nomsebenzi , ezopolitiokp, iziganeko, uthando, ingxabano njalo njalo (Moropa 1985).
Lo kaMoropa uqhuba esithi intsingiselo yengoma inokuba yecacileyo okanye ifihlakale. Xa umamele kufuneka uqaphele umoya wengoma, umxholo wengoma, umyalezo, ulwimi olusetyenziswe engomeni nemifanekiso-ngqondweni esetyemzisiweyo.
Iindidi zeengoma:
Ezomtshato, ezentlombe, ezabafazi, ezomsebenzi, ezomtshato, ezomzabalazo, ezolwaluko, ezemfazwe, ezentonjane, ezamagqirha, ezingembali, eziluleka izimilo, ezimalunga ngezici ezenziwa ngamaxesha athile onyaka, ingoma kaNtsikana kaGabha, kunye nomhobe wesizwe S.E.K Mqhayi.
Kha rhabule apha ungafici, kwezingoma ndizibhale apha ngezantsi. Ezi zingoma zale mihla siphila kuzo nezithe ndanethamsanqa ndaziva ziculwa ngexesha ndikhula. Yonwabela!
Iingoma
zolwaluko:
1. Nimphathe kakuhle
Zenimphath’kakuhle iyhoo
ubhut’wethu x2
Azangalambi, azangachol’amaphepha x2 Bomama ndini bale ndawo zeningambulal’ x2 Azangalambi,azang’, azang’
achol’ amaphepha x2
2. Ntomb’entle
Ntomb’entel!!!! Ntomb’ entle emhlotshazana,
ehlale zants’, ezants’ezibhasini. X2 Ndithe ndithez’, ndithe ndithez’
iinkuni…kanti ziingcondo, ziingcondo zomtshakazi x2.
3. Uyadyol’ na?
Musa uyadyola na x2 Kuthe kanti
usisishumane x2
Maph’ amatsher’
akho? X2 Kuthe kant’usisishumane
x2
4. Khawenz’ nozala
Khawenz’ nozala… Iyhoo halala,
halala ziyanqondoza. Ibhiya noba
yibranti… Iyhoo halala,
halala ziyanqoza. Ungad’ ulile
kangaka, ulil’ isijwili…ngendoda enomfazi. Halala ziyanqoza.
5. Qula kwedini!
Qula kwedini, qula
kwedini kaBawo…x2 Khawuze nazo kwedini, nazo
kwedini kabawo! X2
6. Somagwaza.
Weee somagwaza
ndizokugwaza ngaloMkhonto. Haaa weee,iyho
wowo haaa weee somagwaza. X2
Iingoma
zomsebenzi
1. Hamba bhekile
Khawuhambe bhekile x2 Suk’ hlala
ndawonye. Hamb’ bhekile x2 Imiqala yomile bhekile.
2. Uyavimba.
Uyavimb’ umama lapha,
uyavimba utat’ lapha benza ngabom bayawaz’ umthetho. X2
Iingoma
zomtshato
1. Bhut’ ndihamba nawe
Weee bhuti, weee bhuti,
weee bhuti mna ndihamba nawe x2. Ndihamba nawe
wena, undinxibele kwakhona, webhut’ mna ndihamba nawe. Ndihamba nawe
wena, unxinxibele ngakhona…hayi suka mna ndihamba nawe.
2.
Umakoti
ngowethu
Umakoti ngowethu,
siyavuma! Ungowethu
ngenyaniso, siyavuma! Uzosi washela
asiphekele, siyavuma! Owu! Uwelele…iwelele siyavuma!
3. Sohlulwa zindudumo
Thina thina thina. Thina, thina
sobabini…sokohlulwa sokohlulwa zindudumo. Zinto zomhlaba, zinto zomhlaba. Sokohlulwa,
sokohlulwa zindudumo!
4.
Ndiyakushiya
Ndiyakushiya, noba
ungathwala ilokhwe enegqabi ndim uMadam.
X2
Iingoma
zomzabalazo nokukhalaza
1. Inde lendlela esiyihambayo. Inde
lendlela esiy’hambayo, inde lendlela esiy’ hambayo. Watsh’ uMandela
kubalandeli bakhe, wathi sohlangana kwelizayo. X2
2. Senzeni na? Senzeni
na, senzeni na…senzeni na. Senzeni na, senzeni na? x2
Iingoma
zomsebenzi.
1. Amantande zingangalala
AMantande zingangalala,
amantande zingangalala. Amantande zingangalala, zingangalala zingangalala. Zizo zizo
zingangalala, zizo zizo zingangalala…zizo zizo zingangalala
zingangalala….zingangalala.
2. Wadidiyela uNonkala ngasemlanjeni.
Wadidiyela uNonkala. X2 Ngasemlanjeni. Wenza ngabom
uNonkala, wenza ngabom uNonkala ngasemlanjen’.
Iingoma
zamagqirha
1. Thongo lam! Weee thongo lam,
ndilalele…weee thongo lam ndilalele, weee thongo lam ndilalele thongo lam. Andilali ngeCawa sendikhand’ amayeza,
weee thongo lam…ndilalele thongo lam.
Iingoma
zemfazwe
1. Safa saphela iSizwe esimnyama.
Safa saphel’ iSizw’
esimnyana, ho! Safa isizwe sabantsundu! x2 Babalwa Resha
Umhleli we-blog: Umthombo wesiXhosa